home about contact us news
Information sheets   |   Elsenburg infopaks   |   Izityalo, ezinye: 12

Ijojoba (Simmondsia chinensis) Afrikaans | English

Click to enlarge!

Ijojoba sisihlahlana sasentlango esikhula kade nesiqulathe i-oyile engathi ithembisa kakhulu ngakwicala lokuthengiseka.


Click to enlarge!
Imbewu yejojoba iqulathe i-oyile emalunga ne-50%, i-oyile leyo eyahlukileyo kwi-oyile yezinye izityalo. Yona ingathi ingaba luncedo kakhulu ekuthinteleni ukukhuhlana (friction). Izinto ezenziwe nge-oyile yejojoba zisetyenziswa kakhulu kwizinto ezininzi eziyimveliso yeekhemikhali. Inkampani ezivelisa iziqholo nezithambiso ziyisebenzisa kakhulu le oyile kwizithambiso zokukhusela ufele elangeni nezokuthambisa imilebe.

Ezi zityalo zineengcambu ezendeleyo zikhula unyaka wonke, ziyakwazi ukuvelisa imbewu kwiindawo eziyimiqwebedu apho ezinye izityalo ezininzi zingenakukwazi ukukhula. Zizityalo ezomelele kakhulu ezikwaziyo kunjalo nje ukumelana neemeko zembalela kwakunye nobushushu basentlango, kwaye azikhathalelanga manzi maninzi kakhulu okanye mthunzi ungakanani.

Izihlahla zejojoba ziba neziziinkunzi kunye neziziimazi. Iintyatyambo zezi zityalo ziziimazi ezizezona zivelisa imbewu, zixhomekeka kakhulu emoyeni ukuze lukwazi ukwenzeka uvuvuzelo. Isityalo esinye esiyinkunzi sizanele izityalo ezihlanu eziziimazi. Ukudubula ziqala entwasahlobo (entlakohlaza), zize ke iziqhamo zazo ziye kuvuthwa ekwindla.

Ukuqalwa kwezijojoba (amasimini ejojoba)

Ukutyala imbewu

Umhlaba othe wakulungiselelwa kakuhle nangokupheleleyo ukulinywa usenokusetyenziswa ekutyaleni kuwo imbewu ngokusebenzisa uhlobo lweeplantari ezifana neziya zisetyenziswa xa kutyalwa imbewu yomqhaphu. Le mbewu ke intshula kakuhle kakhulu phaya entwasahlobo kumaqondo obushushu aphakathi kwe-25°C ne-35°C. Malunga nesiqingatha (50%) sale mbewu iya kuba yeyezityalo eziziinkunzi. Izithole zinokukhuliselwa ezingxoweni zeplastiki, zize ke zithi zakukhula zaba nokomelela ngokwaneleyo, zikhutshwe zityalwe.

Iintswazi zokutyala (Cuttings)

Enye indlela yile yokusikwa kweentswazi ezityalweni zize zityalwe, kusetyenziswe nobushushu ekukhawuleziseni nasekuncediseni ukukhula kwazo. Kambe ke le ndlela inendleko ngaphezu kwaleya yokutyala izithole, kodwa ke into emnandi kuyo kukuba izityalo zikhetheka lula ngokwesini sazo.

Tissue Culture (Ukukhulisa ngeeseli)

Le yenye indlela enokusetyenziswa, nakubeni inendleko ephezulu kakhulu xa ithelekiswa nezinye ezi, kwaye ke ifuna ubuchule obuqeqeshelweyo.

Isithuba phakathi kwezityalo

Isithuba ekufuneka sishiywe phakathi kwezityalo sixhomekeka isikakhulu ekubeni izityalo ezi ziba ngakanani na xa sele zizidala, kodwa ke ngokomyinge xa izityalo ziliwaka (1,000) kwihektare nganye zingakwazi ukunikana izithuba ezifanelekileyo.

Ukunkcenkceshela

Ijojoba ayifani nezinye izityalo ezininzi ngakwicala lamanzi, kuba yona ayikhathalelanga manzi maninzi ekukhuleni kwayo; kambe ke isityalo sejojoba siyayifuna noko I-400 mm ubuncinane nangaphezulu ukuze sikhule ngokupheleleyo. Iindlela zokunkcenkceshela ezinokusetyenziswa zisenokwahluka-hlukana, ukuqalela kunkcenkceshelo lwamanzi abalekayo ukuya kolokufefa, ngokohlobo lomhlaba, nangokomgangatho wamanzi asetyenziswayo.

Izitshabalalisi nezifo

Akukho zitshabalalisi ziye zenze umonakalo ezityalweni, nakubeni zikhona zona izinambuzane ezikhe zibonwe apha ezityalweni.

Imihlaba engakuvumeliyo ukungena kakuhle kwamanzi inokuzenza zingenwe zizifo iingcambu; ngoko ke ibaluleke kakhulu into yobungovo-ngovo bomhlaba ekutyalwe kuwo ijojoba.

Nangona ngathi izilwanyana aziwathandi kangako amagqabi ejojoba, ingaba bubulumko ukuba imihlaba ekulinywe kuyo ijojoba ibiyelwe ngokufanelekileyo.

Click to enlarge!

Ukuvuna

Kwamanye amazwe xa kuvunwa kusetyenziswa oomatshini bokuvuna, kodwa ke ingxaki ngale ndlela yokuvuna kukuba imbewu yona ayivuthwa ngexesha elinye kuzo zonke izityalo. Kanti ke kwelinye icala xa izityalo zithe zazikhahlelela ngokwazo ngokwendalo zayilahla phantsi imbewu, loo mbewu sukuba ivuthwe ngokupheleleyo kwaye yome nko. Le mbewu ke inokucholwa ngezandla, nangona kuyinto enendleko ephezulu kakhulu, kodwa ke into emnandi kukuba imbewu le ayibi nazinto ithe yadibaniseka kuzo. Zininzi ke iindlela ezithi sisetyenziswe xa kucholwa imbewu ngezandla eziye ziwenze lula umsebenzi wokuchola, kunjalo nje zizise ingeniso ethe kratya.

Ukuthena

Into yokuthenwa kwezihlahla zejojoba asiyonto ibaluleke kangako, ngaphandle ke kwaxa mhlawumbi umntu efuna ukuba zibe kumphakamo othile ngexesha lokuvelisa kwazo imbewu, kuba loo mphakamo uza kwenza umsebenzi lula xa kuvunwa ngoomatshini.

Ezoqoqosho

Izityalo zinokumana ukushiyana ngezivuno ezizinikayo, kanti ke ngokunjalo neminyaka nayo isenokungafani, kodwa ke ngokomyinge imbewu enokulindeleka ukuba inikwe sisihlahla ngasinye yi-1.8 kg ubunzima isithuba seminyaka esixhenxe ukuya kwesibhozo; kanti ke ngokwexabiso layo isenokubiza ne-R25 ikhilo. Kuwo wonke lo msebenzi eyona ndleko iphezulu kuzo zonke yindleko yokuvuna. Apha kule inkalo ke into eyinkunzi yinkqubo yolawulo.

BFA Visser
ELSENBURG / LITTLE KAROO ADC