| Information sheets | | | Elsenburg infopaks | | | Izityalo, imifuno: 2 |
![]() Click to enlarge! |
Ukutyalwa nokuvunwa kwetswele kuqala ngesityalwana Ngenxa yesosizathu kufuneka amalungiselelo enziwe kwa ntlandlolo phambi kokuba silime itswele.
Itswele lelinye lezityalo ezisebenza ngobude bemini xa zikhula. Yiyo lento kufuneka kuqaliswe malunga ne 15 zika Meyi ukulima. Ukuba umntu uqalise phambi kwethuba, uyakufu mana iibhola ezininzi eziphuma imbewu, kwakhona xa umntu elime emva kwexesha umzekelo ngoJuni kuphinda kuphume iimb ewu eninzi neebhola ezininzi. Nazi izinto ezibalulekileyo: |
![]() Click to enlarge! |
INDAWO YOKULIMA IMBEWU (SEEDBED)
Okokuqala kufuneka umhlaba ozakutyala kuwo uwazi. Yintoni eyayilinywe kulomhlaba ngaphambili? Kukhe kwabakho iingxaki ezithile okanye izifo? Khumbula ukuba izifo ezihlasela eminye imifuno zinakho ukuhlasela amatswele wakho, khangela ke ngoko indawo ephephileyo. Qiniseka ukuba umhlaba osebenza ngawo awukho brak kwaye awuna acid ininzi. Itswele likhula nzima emhlabeni obrak nasemhlabeni one acid eninzi. Umlimi wakho angakucebisa malunga nokulungiswa kwomhlaba. |
![]() Click to enlarge! |
Xa bekunethile okanye xa kugqitywa kuncenceshelwa akufuneki kubekho amanzi adamileyo. Ukuqiniseka ukuba akukho manzi, adamileyo, ibhedi olime kuyo imbewu mayiphakame emhlabeni
kangange ngesentimita ezilishumi elinesihlanu (15 cm) okanye
(6 inches) ngesithetho sakudala, ukwenzela ukuba amanzi azibalekele ukuhla.
Umhlaba kufuneka uphethulwe kakuhle kodwa ulumkele, ukuba ude ufane nomgubo ngoba umhlaba osefeke kakhulu uthi waku dibana namanzi ubeludongwe izityalo zingakwazi ukuphumela zivele ngaphezu komhlaba. Susa lonke ukhula, utyani, nezityalo ezifileyo ngefolokhwe yegadi. Iibhedi zembewu kufuneka zibe ngange mita enye (1m) ububanzi zibe zimita ezilishumi ubude (10m). Ibhedi ebobukhulu buchazwe apha ilimeka lula nokuncenceshela kulula. Kutsho kube lula nokulwa ukhula. Emva kwalamalungiselelo angaka singaqhubekeka ngokutyala. |
![]() Click to enlarge! |
UKUTYALA
Yemba imigca kwiseedbed ozakufaka kuyo imbewu. Ubunzulu bereyi zakho kufuneka bube zisentimitha ezimbini ukuya kwezintathu (2-3cm) ungalinge uhle ngaphezu koko, umgama phakathi kwereyi kufuneka ube zisentimitha ezilishumi elinesihlanu (15cm). |
![]() Click to enlarge! |
Tyala kangange tispuni yembewu ereyini nganye ungafumbi imbewu ndawonye yisasaze kangangoko unakho. Vala kengoku iireyi zakho ngeharika le iqhelekileyo yegadi. Xa izityalo zishinyene zingenwa lula zizifo na xa zide zabe ziyavela zivela zibhityile zibuthathaka. |
![]() Click to enlarge! |
Umgama lo sithetha ngawo phakathi kwereyi kunyanzelekile ukuba ubekhona ukuze kubelula ukuncothula ukhula nezityalo zifumana impepho. Khumbula ibhedi yembewu (Iseedbed) sisiseko sotyalo olunempumelelo. |
P Coetzee
ELSENBURG / ARC imifuno ne zityalo
zokuhombisa