Also available in English | Xhosa
Imastitis okanye ukudumba kombele wemazi yenkomo, yinto evamileyo entshona koloni. Amafama avelisa ubisi ayakusiqaph ela isifo se mastitis ngezimpawu zilandelayo.
Imastitis ibangwa yimozulu efumileyo, imvuthuluka (sawdust) engcoliswe bubulongwe, amanzi amdaka asetyenziswe ngexesha ebekusengwa kwakunye neenkomo esele zingenwe sisifo ezithi zisulele eziphilileyo.
Umbuzo obalulekileyo ekufuneka sizibuze wona ngowokuba inkomo engenwe sisifo imastitis izakunyangwa njani. Indawo yokuqala kufuneka ibele lenkomo lihlatywe ngamayeza alungi leyo. Ibele lifuna ukuba liphululwe kancici ngokuthambileyo lakugqiba lisengwe kabini okanye kathathu ngemini. Ubisi olu phuma enkomeni egulayo alusetyenziswa luluntu luya lahlwa lwembelwe phantsi komhlaba.
Amafama andibuza qho ukuba esi sifo imastitis ukunyangwa ngempumelelo. Impendulo ithi "EWE" umfama kufuneka athathe lamanyathelo:
KHUMBULA: Ukuba nifuna ulwazi oluphangaleleyo nge mastitis okanye nisoloko nigulelwa ziinkomo ningadibana no Nompilo we zilwanyana okufutshane.
G Brand
ELSENBURG Veterinary Services