home about contact us news

Home: Information sheets

Ukutofa ngenjongo yokukhusela izilwanyana kwizifo

Also availabe in English | Afrikaans

Sakukhumbula singabantu uKuba sonke sasientiwe sisebancinci. Uninzi lwethu nangoku sesibadala isabonakala imikrwelo ezingalweni. Uento lwalusenzelwa ukuba imizimba yethu yomelele ingangenwa zizifo ezosulelayo ezifana ne neSmallpox.

Xa ndienta isilwanyana sam, ndinyusa izinga lokomelela kwaso kwizifo ezifana nesifo sokuphunza kweemazi ( esi sifo siyasulela), isifo sefele elinamaqhu,ma,isifo se spleen kwakunye nesifo sokudumba kwesisu.

Siyavumelana ke ngoko ukuba izilwanyana kuyafuneka zientiwe. Xa sienta kufuneka sikhumbule oku kubalulekileyo:



Nceda ufunde ngoku nonophela imiyalelo ebhalwe ebhotileni yeyeza. Musa ukusebenzisa iyeza lokuenta emva kokuba ludlule usuku olubhalwe embodleleni. Lizeke liphelelwe ngamandla xa ulisebenzisa uchita nje ixesha namandla wakho.

Amayeza ayathengwa ekoporasi nakogqhira bezilwanyana abazimeleyo. oogqhira bezilwanyana bayamcebisa umntu nangamanye amayeza anokuwasebenzisa.

Khumbula ukuba kunyanga nje izilwanyana kukodwa akonelanga izilwanyana zifuna ukunonelelwa kakhulu ngumfuyi. Unonelelo luthetha izinto ezifana notyani oluchumileyo, amadlelo akumgangatho ophezulu) amanzi acocekileyo, indawo ecocekileyo yokusenga nezitali ezicocekileyo.

G Brand
ELSENBURG Icandelo Lokunyanga Izilwanyana