Also available in English | Afrikaans
Ukuze umfuyi akwazi ukuyibona impahla xa igula kufuneka ukuba abe uyayazi ukuba injani na xa ingaguli, isempilweni entle. Ngolo hlobo ke kuba lula ukuzibona iinguqulelo ezenziwa sisifo. Ukuba umfuyi uthe akazibona ezi nguqulelo (ekuthiwa "ziimpawu zesifo''), impahla ingade ife engakhange alifumane ithuba lokuyinyanga. Ngoko ke kuyafuneka ukuba umfuyi ayiqwalasele imfuyo yakhe, ayijonge ukuba ihamba njani na, itya njani na, isela njani na, nokuba iluhlobo luni na ngokwezinto ekholisa ukuzenza. Kufuneka ayijonge amalungu omzimba lo onke. Xa kunokuthi kuqapheleke ukuba kukho inguqulelo ethile ebonakalayo, kunokwenzeka ukuba loo nguqulelo ibangwa kukuba impahla leyo kukho isigulo esiyichwechwelayo.
Ngaba le mpahla iyatya? Lo ngumbuzo wokuqala ekufuneka umntu azibuze wona. Umfuyi kufuneka aqinisekise ukuba xa impahla imile intloko yayo iyise ezantsi, ayithokombisanga nje, koko iyatya, iyahlafuna kwaye kunjalo nje iyayiginya nokuyiginya le nto iyihlafunayo. Umzekelo, izilwanyana xa zinomgada ziye zingakuginyi ukutya, nangona zigqathula nje kwizinto zokutya. Ezinye izilwanyana xa zinamathumba emlonyeni okanye zinamazinyo angaphilanga kakuhle, ziye zizame ukutya, kodwa zingakwazi ukukuhlafuna kakuhle ukutya. Ngamanye amaxesha noko kutya kuwe sele kusemlonyeni.
Kwimpahla eyetyisayo xa sele igqibile ukutya efana neenkomo, iigusha neebhokhwe, ukutya kuye kuphinde kubuyele emlonyeni apho kuphinda kuhlafunisiswe kuze kuphinde kuginywe. Yile nto ke le kuthiwa "kukwetyisa'' okanye "ukuhlafuna umetyiso". Olunye lweempawu zokugula zokuqala eziye zibonakaliswe yimazi yenkomo okanye yigusha okanye yibhokhwe, kukuba isuke iyeke ukwetyisa. Kwezinye zezifo eziye ziboniswe lolu phawu lokugula kukho umanzabomvu, inyongo emnyama, i-anaplasmosis, ucingo entliziyweni neengxowa zeplastikhi apha esiswini, kupenisi.
Ngaba le mpahla iyasela? Kufuneka ungumfuyi uyiqwalasele kakuhle impahla ukuba ngaba iyasela na. Kufuneka kananjalo uqinisekise ukuba loo manzi iyawaginya na. Ezinkomeni nasemahasheni iyenzeka into yokuba ukutya kupakishane nje kuxingile apha emqaleni, into ke leyo eyenza ukuba sithi isilwanyana xa sisela amanzi abuye aye kuvuza kwasemlonyeni. Izilwanyanana ezincinane ezifana namantshontsho eenkuku neehagu, zisenokungakwazi ukufikelela emanzini eziwabekelweyo. Enye indlela yokuqinisekisa ukuba ngaba isilwanyana siwasela kangakanani na amanzi esiwanikwayo kukuwameta amanzi apha emgqomeni okanye loo nto agalelwe kuyo ukuba aphela ndawoni na kusasa, uphinde uwajonge malanga ukuba ngaba andawoni na. Ukuba ngaba ubuthe wawazalisa aya kuma phezulu, amanzi athe aselwa sisilwanyana eso alingana nalawo kuthe kwafuneka egalelwe ukuwazalisa kwakhona ube kulaa ndawo ubukuyo kusasa.
Ngaba le mpahla ihamba kakuhle? Kufuneka ungumfuyi uqwalasele ukuba ngaba imilenze le ihanjiswa ngokufanayo na. Qwalasela nokuba ngaba iyakwazi na ukuyishukumisa intloko le yayo, nomzimba lo wayo nentloko le yayo ngolu hlobo zishukunyiswa ngalo zezinye impahla. Kusenokwenzeka ukuba isilwanyana esi sifelwe ngamalungu kukwenyela; ngamanye amazwi kusenokwenzeka ukuba asikwazi ukuba siwusebenzise omnye umlenze waso okanye eminye imilenze yaso. Yiqwalasele kakuhle le milenze ukuba ngaba yintoni na undonakele kuyo. Ukuba ngaba isilwanyana sihamba ngemilenze emithathu kuphela, oko kubonisa ukuba ukhona undonakele omkhulu, osenokuthi kanti ubangwa kukuba omnye umlenze lo waphukile.
Ngaba uboya bale mpahla nesikhumba (nofele lwayo) sayo sibonakalisa ukuba sempilweni? Impahla esempilweni iba noboya obuhle, obugudileyo obubengezelayo. Kufuneka umfuyi aqwalasele ukuba ngaba ufele alubonakalisi kurhawuzela na okanye zindawo zibomvu na okanye ukuwa koboya na. Oku kungathi kanti luphawu lokuba isilwanyana esi sinesitshanguba okanye ukhwekhwe. Iigusha ezinebhula zikholisa ukumana zizixhwitha uboya obu bazo, zibushiye bujinga kakubi. Impahla engazifumani ngokwaneleyo zonke iiprothini, iiminerali neevithamini eziyimfuneko ekutyeni kwayo okanye impahla enezinto ezingaphakathi ezifana namaphalo neentshulube iye ibonakale ngokuba nesikhumba noboya obungagudanga, koko buthande ukuba phuphusana, bangabi nabala liqaqambileyo.
Ezinkukwini uboya kufuneka bubonakale bulale bathi ncwaba, bubengezela. Iinkuku ezigulayo ziye "zibuwise" "zibuvuthulule" uboya bazo. Kanti ke xa ngaba zinesifo esichaphazela isikhumba, zisenokubonakala nangokuthi zibuxhwithe obunye uboya bazo. Ukungondleki kakuhle kweenkuku kunokuzenza zibe noboya obungaqhelekanga. Ukungabikho koboya ezintanyeni zeenkuku asilophawu lokuba iinkuku ezo zinesifo ezinaso, kuba kaloku zikhona iintlobo zeenkuku ezingenabo uboya apha entanyeni.
Ngaba le mpahla ayibonakalisi zilonda inazo? Kufuneka ukuba umfuyi awuqwalasele kakuhle, awuve nangesandla umzimba lo wesilwanyana wonke. Ngamanye amaxesha izilonda ziye zingabonakali lula nakamsinyane kuba zigqunywe lukhwekhwe okanye buboya obuye bandlaleka apha phezu kwazo. Iimpethu ziyakwazi ukuba zingene kwisilondana esincinane zisenze sibe sikhulu apha phantsi kofele.
Ubulongwe okanye iingqatha ngaba zezi zesiqhelo? Abafuyi kuyafuneka ukuba babazi ubulongwe okanye iingqatha zemfuyo yabo ukuba zime njani na, zinuka kanjani na, nokuba zinjani na ngombala wazo wesiqhelo. Nangu umzekelo, xa ngaba igusha itsho ngobulongwe obufana nobenkomo, endaweni yokuba itsho ngeengqatha ezi zayo zesiqhelo, loo nto ibonisa ukuba iyarhuda. Inkomo etsho ngobulongwe obungathi ngumqhutsapere wedonki, loo nto ibonisa ukuba iqhinile, kwaye kusenokwenzeka nokuba igula yinyongo.
Ubulongwe obunombala olubhelu oqaqambileyo buxela ukuba ikho le nto inobuzaza, kwaye ke nento yokuba bube namachaphaza egazi ixela ukuba kukhona okungahambi kakuhle. Isenokuthi kanti abangwa kukutya into enetyhefu okanye abangwa sisifo seSalmonellosis esenziwa ziibhaktheriya ezenza ityhefu ekutyeni.
Ngaba umchamo lo wazo ngulo wesiqhelo na? Kubalulekile ukuba umfuyi ayiqwalasele impahla xa ichama nokuba umchamo lo unjani na ngombala. Umchamo omdaka okanye obomvu ngebala, ezinkomeni, ezinjeni nasemahasheni, usenokuba luphawu lukamanzabomvu. Umchamo onombala ongathi ngowobisi okanye ngowekhastadi ubonisa ukuba kukho undonakele omkhulu kakhulu phaya esinyini okanye esibelekweni. Iimazi zeenkomo ezithe xa zigqiba kuzala zaba nomonakalo ziye zibonakale ngokuvuza nobubovu xa ziwisa ubulongwe, buze ke obo bubovu bufike butyhengezela apha phezu kobo bulongwe.
Ngaba izinto ezenziwa yimpahla le zezi zinto zesiqhelo, iqhele ukuzenza? Impahla esempilweni ikholisa ngokubonakala idlamkile, indwebile nokundweba. Iyiqaphela msinya into eyenzekayo kufutshane nalapho ikhoyo. Impahla edakumbileyo, etyhafileyo okanye enqenayo kunokwenzeka injalo nje ibangwa kukungabikho mpilweni kakuhle. Izinto ezingaqhelekanga ezifana nokuba impahla isoloko ivuza izinkcwe kakhulu, nokuba neengcwangu, nokuthanda ukujikeleza, nokusoloko isenza ingxolo ngalo lonke ixesha okanye ukuthanda ukutya izinto engafanelanga ukuba iyazitya nengaqhelanga kuzitya, zonke ezi zizinto ezinokuba ziimpawu zokuba nesifo esithile. Kwizifo ezenza ukuba izilwanyana zenze izinto ezingaqhelanga kuzenza kukho umgada ohlasela zonke izilwanyana, kubekho nomzananda ezinjeni, ukunqongophala kwefosfeyithi ezinkomeni, kwakunye namathumba engqondweni (ebuchotsheni) kuzo zonke izilwanyana.
Ngaba apha ngaphandle emzimbeni ayinazinto zizizimfimfithi-gazi? Amakhalane adla ngokuba yeyona ngxaki iyinkathazo kakhulu ezilwanyaneni ezininzi - athwala asasaze iimbewu zezifo, kwaye ayazenza nezilonda apha ezindlebeni nasemibeleni. Kambe ke amakhalane ambalwa ayazinceda izilwanyana ukuba zikwazi ukumelana nezifo. Ezinjeni iintakumba ziyakwazi ukuzenza zibe nezifo elufeleni, zithande nokusoloko zizonwaya. Amangolwane neentwala zizimfimfithi-gazi ezincinane kakhulu, into ke leyo efuna ukuba xa umntu ezijonga kufuneka aqaphelisise kakuhle - kanti ke ezinye zazo zibonakala kuphela xa zithe zajongwa ngemicroscope (ngemayikroskophu).
Ngaba apha ngaphakathi ayinazinto zizizimfimfithi-gazi, izinto ezifana namaphalo neentshulube. Iintshulube namaphalo kunye nezinye izimfimfithi-gazi, ayakwazi ukuzenza zidakumbe kakhulu izilwanyana. Ezi zinto ke ngelishwa akusoze ufane uzibone apha ebulongweni bempahla, kodwa iya kuthi xa impahla ixheliwe zibonakale apha emathunjini azo. Kanti ke ubulongwe obu busenokuthathwa busiwe kwilabhoratri yoogqirha bezilwanyana apho bunokuthi buhlolwe ukuba ngaba abunamaqanda eentshulube namaphalo na.
Ngaba impahla ayibethekanga kakhulu na? Xa ethile apha empahleni ibetheke kakhulu kunezinye, loo nto isenokuba luphawu lokuba ayiphilanga. Ukuba ngaba yonke impahla apha emhlambini ibhityile, loo nto inokuba luphawu lokuba kukhona okusilelayo kumxhesho wayo okanye kwindlela oluqhutywa ngayo ufuyo olu. Abafuyi abakwaziyo ukuyigcina isemgangathweni "imeko" yemfuyo yabo banokuba nakho ukuluphucula ulawulo lwemfuyo yabo, baze ke njalo bakuthintele ukufa kwempahla yabo ibulawa yindlala.
Ngaba amalungu omzimba wayo asebenza kakuhle onke? Umfuyi makakhe ajonge intamo le - ngaba umthambo uyabetha apho ungafanelanga kubetha khona. Inkomo yakho kusenokwenzeka ukuba inocingo entliziyweni. Ngaba kukho umlenze odumbileyo na kuneminye? Okanye mhlawumbi obhityileyo kuneminye? Khawukhe uyijonge nalapha ebeleni - ngaba yonke imibele iyalingana okanye akungebi kanti kukho omkhulu kuneminye okanye odumbe ngaphezu kweminye? Ngaba apha emzimbeni wayo akukho lungu okanye ndawo idumbileyo, okanye ibuhlungu, okanye ibonakalisa ukungalungelelani? Xa unokuthi ubone izinto ezilolu hlobo, khawukhe uphinde uqwalaselisise, ukhangele ukuba akungembhaqi na unobangela.
Xa imfuyo inokuthi izibonakalise ezi "mpawu" zikhankanywe ngentla apha, kufuneka uzame ukukhangela ukuba akungesibhaqi na ukuba sesiphi na esi sifo iphethwe siso. Kusenokwenzeka nokuba kufuneka ukuba ukhe uqhagamshelane nogqirha wezilwanyana okanye negosa lempilo yezilwanyana, bona banokuthi bakwazi ukukucebisa ukuba ngaba singanyangwa njani na isilwanyana eso. Khumbula - kubaluleke kakhulu ukuba uyazi kakuhle imfuyo yakho nokuba uyibeke iliso elibukhali yonke imihla. Ukuba ngaba, njengomfuyi, uyayazi impahla esempilweni ukuba injani na, kulula ukuyibona impahla echwechwelwa sisigulo esithile.
CME McCrindle
ELSENBURG/Onderstepoort